Sithinina?
Sithethe inyaniso
kusinina?
Ingaba inyaniso yiyona eza
kusikhulula?
Inyaniso iyalakhana
ilizwe kusinina?
Ingaba eli lizwe
lakhululwa ngantonina?
Lakhululwa ngomthetho,
ngenyaniso okanye ngoxolo?
Thina siyalila
Sityhafile,
siyancwina, asinamandla
Irhamba libuty’il’ ubuhlungu
balo
Umhlabel' usuke
walikhala
Kaz' uzakubathinin’ uDyakalash’
abantwana beHobe
xa kunamhlanje uDyakalash’
uphepheth’ iHobe
xa kunamhlanj’ isizwe
sikaThembu sikhedamile
xa kunamhlanj’ umzi
kaXhos’ uthe xhwenene
kuba kaloku ukhetsh’
ulithathil’intshontsho
Ndilala ndivuka, kubi
ndivuka ndichile ngezika Bhada ndigxoth’ umsholog’okwendod’ ikhwaz’ amasela
Amazingel’ asuk' ankwantya, latshon’ emini zaquph’iziprofeto zomprofet’ uNtsikane
Zasuk’ izinj’ ezaziwa
ngokulanda zakhonya zihlehla
Asibubo nobubhenqa
silo simbi esi.
Xa kunamhlanj' indlu
kaThemb’ iqhane ngamanxeba neenduma zeentshuntsh’ amakrel' izagweba, nemikhont’
enetyhefu yerhamba leentlanga zasentshona
bubuhlungu bekhehla
lerhamba laseYuroph’elilakatyulayo
Ngumtheth’onkalaty’onoxhong’abade,
int’ erhashalal' engena Buntu
Nantso ke mz’ontsundu
yiboneni
Ijikil’ iNambezulu
yaba yiNyushu
Amadod’ asuk’
agevezelis’ amadolo
Amakrot’ amakhwenkw’
aziwa ngezemb’ awasekho
Nemikhonto yamadoda
yophukile naku namhlanje le yiNyushu
Xa kunamhla yonk’
indlu kaPhal' iyagrogriswa
Ingaba ngumthetho
kusinina oza kusinceda?
Kunamhlanje siguqa
sixhathisa, sixhathalaza, singxabalaza, sizikhusela kwiPhimp’ elijamel’ umkhusane
Ubuhlungu berhamba
lezizwe ngumtheth’ ongenabubele
Iimfene zisirhuthulel’
isimbo nomthetho wazo kwasuka kwajal' imo kwavuk’ impithizelo kwindlu kaPhalo
Inyhophatyikili
yezidube-dube nempixan' edalwe ngamaphandle nabaphangi kwel' ityatyekwa kusizana
lento ethozamileyo. Umlisela wendlw’ entsund’ uphothulelwe kuqhwatyelwabacinezeli,
izidlamlil' ezingenasazel’ ezitshutshis’ intephakathi kwezo sisazingcayo ngazo
O! yinina Mz’
ontsundu. Kazi uXhos’ utye nto kabanina? Siyalila yini kaloku?
Mawethu lixolelen' isiko nikhululel' ulawulo lwethu kwiinkosi nobukumkani ngaphandle
kweempembelelo zabemizi. Yinina kaloku ndiyanicenga, ndiyangxengxeza ndithi
tarhuni mabandla
Sithethe inyaniso yinina?
Ingaba lo mthethondini uyazana
kusinina nenyaniso?